UDumisani Sizwe Mbebe ongumpondo zihlanjiwe kwimiboniso kamabonakude nemidlalo yeqonga ufuna isebe leZemidlalo uLonwabo uBugcisa ngeNkcubeko lingenelele ekuphuhlisweni kwamagcisa kwiphondo leMpuma Kapa.UMbebe ukuthethe oku ngethuba exhobisa amagcisa ngezakhono zokulinganisa kunomathotholo nakumabonakude.Olu cweyo ibiyinxalenye lokhuphiswano lwababhali,abadidiyeli nabadlali obeluququzelelelwe nguMhlobo Wenene FM ngokubambisana nesebe lakwaDSRAC, eBluewater Bay hotel eGqeberha,kwiveki ephelileyo.
UMbebe uthi iyakhutshwa imali yokuphuhlisa imiboniso kamabonakude kodwa ayazeki ukuba leyo mali iphelela phi kuba akukho nto ibonakalayo.Uthe abadlali nababhali baphela bethatha imigodlo yabo besingisa kwiphondo laseGauteng.UMbebe onezidanga zokulinganisa azifumene eScotland uthi abantu bancoma umdlalo UShaka Ilembe neminye imidlalo ebhalwe ngesiZulu abazi ukuba nguye owayeqeqesha abadlali,ababhali nabavelisi bamabali kamabonakude.
UMbebe uthi unephupha lokuvelisa umdlalo othi Buzani Kubawo. “Amabali amagorha afana noNdlambe ooMaqona ooNongqawuse ngamabali ekufuneka ebaliswe ngabantu beli phondo ngolwimi lwesiXhosa.” UMbebe uhambisa athi “ukuphuhlisa izakhono kungekho apho zizakusebenza khona ezo zakhono yinkcitha xesha.Urhulumente wephondo akaluhloniphi ushishino lwemiboniso bhanya-bhanya.”