Badane loxe abafundi abagqibe iminyaka emine befundela ilize,iimpula zikalujaca ngenxa yokugutyungelwa linxele likakhetsekile ,bebenamaphupha wokuphucula iimpilo zabo nezamakhaya wabo kanti unotshe ababuzanga elangeni.
Ngabafundi abalikhulu (100) abaxelelwe ukuba oko bebekufundela kwiDyunivesithi yaseFort Hare akubhaliswanga ngokusemthethweni.Abo bagunyazisa izifundo kumaziko wonke wemfundo enomsila ibhunga i-Health Profession Council of South Africa (HPCSA) iyigxibhe kabukhali iFort Hare ngokudlala ngexesha labantwana iminyaka emine yonke.
Iyaxhalabisa kwaye ithande ukuya iqina ngamandla into yokufundiswa kwabantwana, izifundo ezingabhaliswanga ngokusemthethweni kumaziko wemfundo ephakamileyo kweli loMzantsi Afrika.Neziko eliphakamileyo iWalter Sisulu kwiminyaka embalwa egqithileyo ikhe yasematheni kwa ngalo mkhuba mnye.
Abantwana abafunda kula maziko ngabantwana abaphuma kumakhaya angathathi ntweni.I-HPCSA ithe akhonto inokuyenza kwaba bantwana ukukhawulelana nale meko bazibhaqa bekuyo,liziko iFort Hare ekumele lihlangabezane naba bantwana nanjengoko belibaziseke ithuba elide.
Ngexesha sipapasha eli nqaku iDyunivesithi yaKwaNokholeji ibingekaphefumli malunga nale nyewe.