Inkundla isiguqulo isigwebo ngakuSibongile Mani (32) owafunyaniswa enetyala lokusebenzisa imali eyafakwa kwiakhawunti yakhe ngempazamo.UMani wafakelwa isizumbulu semali ekwi-R14 yezigidi.Kuleyo mali ezizigidi eyafakwa endaweni ye-R1400 uMani wasebenzisa imali engaphantsi kwe-10% yemali awayeyifakelwe.UMani wabanjwa wavalelwa etyholwa ngokunganyaniseki. Wabekwa phantsi kweliso leminyaka emithathu loluleko,waza wayalelwa ukuba enze iiyure ezingama-576 okanye ngaphezulu kweeveki ezili-14 kwinkonzo yoluntu.UMani wafaka isibheno kweso sigwebo kutsha nje inkundla ibhengeze ukuba uMani usiphumelelo isibheno.
Ngethuba ebanjwa evalelwa uMani wayesele esebenzise i-R818,000 ngeentsuku ezingama-73,imali elingana ne-R11,205 ngosuku.Ngeso santya kwakuya kumthabatha iminyaka emine ukuyichitha yonke.Kwiveki ephelileyo isigwebo sakhe seminyaka emihlanu entolongweni saye sasuswa yinkundla ephakamileyo yaseMakhanda,endaweni yoko yayalela ukuba sinqunyanyiswe isigwebo sikaMani. “Ndiyabelela kakhulu ngokufumana ithuba lesibini lokuqhubeka nobomi bam.Ukuba ndandingayisebenzisanga imali ka ye-NSFAS mhlawumbi ngendenze ngcono kakhulu ebomini,”kutsho uMani kukho ukuzisola.