UbuKumkani besizwe sabaThembu buphendule kwizigxeko zabantu kulandela ukubonakala kweKumkani yesizwe sabaThembu uKumkani Buyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo kumsitho we-ANC eNgcobo ngoLwesihlanu.Oku kudale ukubethana kwembono kumakhasi onxibelelwano.Ingxelo ekhutshwe sisithethi sikaZwelibanzi uNkosana Mthunzi Ngonyama ithe nangona uZwelibanzi wakhetha ukuxhasa imisitho yokugaya inkxaso ye-EFF kulonyulo loorhulumente basemakhaya nolonyulo lukazwelonke kodwa akukho nto inokutshintsha ubudlelwane phakathi kweKumkani nombutho we-ANC.
Ngokwale ngxelo ekhutshelwe amajelo eendaba sisizwe sabaThembu idize ukuba ngo-1912 ukusungulwa kwe-ANC ,uKumkani Dalindyebo onguyisemkhulu kaZwelibanzi wanikela ngeenkomo ezilikhulu zokuba zixhelwe kutyiswe abantu ababezimase umsitho owawuseBloemfontein kwelase Free State. “Nawuphi umzabalazo wokulwa okuchasene nobulungisa,intswelo ngqesho,ukohlulwa ngokungafaniyo kobutyebi beli lizwe kunye nendlela ephembelelwa ngumntu oko kuzohlala kuphambili kubuKumkani babaThembu,”ucacise watsho uNgonyama.
UNkosana Ngonyama uqhube wathi uZwelibanzi wamkela zonke iinkokheli zopolitiko ukuba nje azinazo iinjongo zokucudulela phantsi igunya lobuKumkani okanye ukuba nokukhukhumala okudlula ubukhosi.Kwiminyaka edlulileyo,ikumkani yesizwe sabaThembu yabonakala ixhasa iinkokheli zamaqela opolitiko aquka i-DA,EFF,namanye de waphiwa isipho semoto yi-EFF.
Nangona kunjalo kodwa uNkosana Ngonyama uthi kukho amaxesha adinga ikumkani iqaqambe ijonge ngaphaya kweyantlukwano yamaqela opolitiko ukuya kulonyulo lwenyanga ezayo.Uhambisa athi uZwelibanzi ufuna ukubona umanyano olunentsingiselo phakathi kwe-UDM,COPE,ANC,MK PARTY ne-EFF.