Akasekho emhlabeni umbhali webali eliyintandane kubaphula-phuli boMhlobo Wenene fm,elithi “Yintoni na le nto.Leyo yimfihlelo yobomi” ,uSonwabo Yawa (50).UYawa yinzalelwane yaseNcise kwidolophu yaseMthatha.Ubelitshantliziyo,ithandazwe nenkcubabuchopho,ezinikezele ekuphuhliseni uluntu.
UYawa uzenzele igama ngobuchule bokubhala ingakumbi ulwimi lweenkobe engqiyame ngemfundiso zabazali,ababhali bamabali wesiXhosa,ekwayingcungela ephume izandla kwimidlalo yeqonga. “Phakathi kokudliwa kobomi sikwasekufeni,sazise kanye ukuyibala imihla yethu ukuze sizuze intliziyo elumkileyo.”Lawo ngamzwi kaNtlahla Jubeni obengumhlobo kaYawa.
Ebindekile uJubeni nokwanguKhansela waseNcise uthethe wenjenje : “Ndilahlekelwe kakhulu ngumhlobo wam.ubencedisana nam kakhulu kuphuliso nentlalo yoluntu.”Umchaze njengesiquququ ebesizijule ijacu sisebenzela umntwana womgquba.Ubekhona nakwiphulo lika”Back to school”,apho kanye bekuncediswana nabantwana abatsala nzima kumakhaya wabo;ubekwaluncedo kwiintlekele ezibangelwe luguqu-guquko lwemozulu.
UMhlekazi Mhlazana olilungu losapho uthe basezakuhlala belikhaya ukugqiba ngomhla ezakubekwa ngawo le ndedeba yakwaYawa.