Abatye babhubhudla imali yomasipala wase-King Sabata Dalindyebo ngobuqhophololo bavele enkundleni yamatyala eMthatha kuleveki sisuka kuyo.UNondumiso Gwadiso (49) oyimanejala yophuhliso loqoqosho kulo masipala kunye noLuzuko Nobhongoza (37),wenkampani eyanikwa umsebenzi bavele phambi kwenkundla yamatyala ezezimali eMthatha,bejamelene namatyala obuqhophololo norwaphilizo.Banqakulwe bavalelwa ngooKhetshe kwiveki ephelileyo.
Ngokwamaxwebhu ezimangalo kutyholwa ukuba umasipala waseKing Sabata Dalindyebo wanika isiniki maxabiso inkampani iLukho AA Investment ukuze kuthengwe izixhobo zomdyarho waseMatyngqina eMthatha ngomhla we-3 kweYomnga ka-2023.Ingxelo ithi uGwadiso wayenikwe uxanduva lokuqwalasela ukuqhuba lomsebenzi nokujonga inkqubo yokuthengwa kwazo de ziyonikezelwa kwabaphumeleleyo.
Ukanti atyholwa naye uNobhongoza wayejongene nayo yonke imisebenzi yalenkampani.Ingxelo ekhutshwe sisithethi sooKhetshe uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana idize ukuba nangona uGwadiso noNobhongoza babeyazi imiqathango yesivumelwano sikamasipala nalenkampani kodwa bavumelana ngesikhabanayo neso seKSD.
Kuvele ukuba uNobhongoza wavuma ukunika uGwadiso imali eyi-R130,000 endaweni yokusa izixhobo ezixabisa i-R186 120,00 njengoko kwakuvunyelwene njalo ekuqaleni.Ingxelo yeKawks idize ukuba uGwadiso wanikezela ngezixhobo zomdyarho ezixabisa R80,000 wehlisa ngomlenze i-R50,000.
Ukanti kutyholwa uGwadiso ngokupheka amaxwebhu alo msebenzi,kanti noNobhongoza utyholwa ngokungenisa i-invoice yobuxoki kumasipala.Umasipala waqaphela obu buqhophololo wabudlulisela kwiHawks ukuba zenze uphando.Kudizwa ukuba umasipala waseKSD uphantse waphulukana nemali eqabele kwi-R180,000.Abamangalelwa bangaphandle ngebheyile ye-R5000 umrhanelwa ngamnye.Bazobuyela enkundleni ngomhla we-7 kuOkthobha walo nyaka ukulungiselela umhla wokuxoxwa kwetyala.