Umhla we-17 kweyoMdumba kunyaka wama-2024 soze ulibaleke kwimbali yamaNkomo azinze eHadini kuNgolo kuZithathele,eLibode.Ngalo mhla igqiza lamaNkomo beliphumile liyokhangela ingcwaba likaBhiyana .UBhiyana ngumninawa kaNtanjana beyinzala kaNtokonkulu.UBhiyana wayenemizi emithathu eyile: -EMthonyameni,eNtlekiseni naseKhaleni.Kuleyo mizi wazala oonyana abasibhozo.UNkomo lo (Bhiyana) wayedume ngokunyanga iimfazwe (elitola) wayesoloko esendleleni kuba zazininzi imfazwe ezasiliwa.Ibali lithi emfazweni wayethumela amadoda asibhozo kuphela awaxhobise ngeentswazi kodwa azokoyisa umkhosi oxhobe ngemikhonto nezinye izikhali.
Imbali ihambisa ithi wayemane esiya eKroza phezu kweTsitsa,afikele kumzi wakwaTshatshu.Kuleyo minyaka ingazekiyo kwenzeka wahlabeka wasweleka,wangcwatywa kusuku lwesithathu kulandelwa inkqubo yalawo maxesha.Iqengqelekile iminyaka kwazalwa izizukulwana nezizukuzuku lingaziwa ingcwaba lakhe apho likhoyo.Intlanganisela yamaNkomo eyesungula iBuyambo yamaNkomo ngonyaka wama-2012 uyimele ngeenyawo into yokuhlonitshwa kukaNtanjana noBhiyana.Kuthe kwakucaca ukuba alide laziwe apho likhoyo ingcwaba likaBhiyana kwathathwa iintonga kwayowa kubantu ababona ngokomoya.Kulapho kuye kwavela ukuba ingcwaba likaBhiyana liseKroza/Ezimbileni kuQumbu.Ngoncedo lwemboni uDoda Mthi waseTsilithwa kuQumbu oye walikhomba ingcwaba likaBhiyana ebelingaziwa isithuba seminyaka engaphaya kwekhulu elinamashumi amahlanu.
Le mini ibibaluleke kakhulu kuba bekukho usibonda welali uDebeza neNkosi uBakhulule Majavele waseLower Kroza kwelamaMpondomise kaMhlontlo kaMatiwane.ULamla Ntanjana onguSihlalo weBuyambo yamaNkomo uthe likhwitshilikile iqhina ebekunzima ukulisombulula.Ulebele ngelithi lifumanekile nje ingcwaba amaNkomo aza kuhlala phantsi enze izicwangciso zokuhlonipha eli qhawe.UThembela Mahamba umncome kakhulu uMthi (Mawawa) ngomsebenzi wakhe wokukhomba amangcwaba. “UMawawa unesiphiwo esinqabileyo sokukhomba ingcwaba nokuba lelanini.Thina wasinceda ngokukhomba ingcwaba likakhokho uMahamba ngo-2012.Ukhokho wawela emfazweni eGcuwa.Wya kulikhomba ingcwaba lakhe nanjengoko ensile kuNkomo,”kutsho uMahamba.
Emfanekisweni: Igqiza lamaNkomo,namadoda asemaMpondomiseni, ekumzi wakwaDebeza eKroza ngethuba ayeyokhangela ingcwaba likakhokho wawo uBhiyana.Umfanekiso nguMonwabisi Khininda