Ingxelo kaGqirha imchaze njengophile qete uSesam Isipho Gcolotela oneminyaka emihlanu ubudala,obexhwilwe yindoda ekukrokreleke ukuba mgummi wangaphandle.Oku kuchazwe ngumama wale mveku uZimbini Gcolotela welali yaseQweqwe kwidolophu yaseMthatha kusuku lwangoLwesibini ngethuba lodliwanondlela neIkhwezi News.
Ngokwengxelo uSesam Isipho uxhwilwe kusuku lwangoMvulo emva kwemini waze unina wenza intlaba mkhosi kumakhasi onxibelelwano nakubantu abasondeleyo kuye abazizihlobo zakhe ecela ukukhangeliswa umntwana olahlekileyo.Umntwana ubonwe kusuku lwaNgolwesibini ehamba nendoda ekurhaneleka ngummi wangaphandle ihamba naye kwisitalato saseYork Road ngakwindawo ekuthiwa kuSekileni engena naye kwivenkile yokuthengisa impahla zokunxiba.Abathengisi sitalatweni bahlabe umkhosi yabanjwa le ndoda echaze ukuba ibisiya kwitekisi eziya eThekwini.Abathengisi sitalatweni sebedibene nabathengi nabanye abantu bayinkankathe yasisicamba le ndoda.Incedwe kukufika kwamapolisa aze adubula isintywizisi ukuchithachitha isiqhu sabantu abebevutha ngumsindo.
UZimbini Gcolotela ongumama kaSesam Isipho uthethe wenjenje: “Ndivuye kakhulu kukufumaneka komntwana wam,ndibulela abahlali baseMthatha nalo lonke uluntu obelundikhangelisa umntwana wam,simfumene ethengelwe iimpahla ezintsha kodwa zikhona nezi ubemke ezinxibile,into eshiye isimangalisile xa simbuza lo mntwana usixelele ukuba uzithengelwe ngumalume wakhe ongenguye lo tata umxhwilileyo,samangaliseka ukuba uyamazi umalume wakhe lo mntwana.”
Amapolisa angqinile ukuba ifunyenwe le mveku kwaye le ndoda iphantsi kweliso lalaPolisa esibhedlele nanjengoko ibinkulwe kanobom ngabahlali.Kuvakala ukuba ithe inqwelo yeziglane iyibalekisa esibhedlele yadudla itekisi kwisitalato iSutherlan.Konzakele abantu ababini abebekhwele kule tekisi.Umxhwili lo yena ubethekile nje akonzakalanga.