Kwiinzame zokuba iphephandaba Ikhwezi laseMthatha lifikelele kwisininzi sabantu abaphathi mamanxada-nxada ukuze libekho kumakhasi onxibelelwano angoFacebook,YouTube nakwiwebsite.Oku kuzokwenzeka ingaphelanga le nyanga esikuyo.Kwikhasi likaFacebook yi-Ikhwezi laseMthatha tv,kuYouTube yiMthatha Star tv kanti kwi-website ulifumana kwi-Ikhwezi News@webmail.co.za.
“Sisenza le migudu nje kukubona ukuba abantu bayafuduka bafudukela kumakhasi onxibelelwano.Kungako ke kufuneka nathi sihambelane namaxesha.Ukushicilelwa kwamaphephandaba kuzakuhamba kuphelelwe lixesha ngenxa yokuxhoma kwamaxabiso okushicilela iphephandaba.Nemfazwe ephakathi kwelizwe laseRashiya neUkraine ibenegalelo kuba amaphepha okushicilela asuka kwilizwe laseRashiya,”kucacisa uMonwabisi Khininda ongumpapashi kwanomhleli weli phephandaba. Ikhwezi laseMthatha lasungulwa nguMonwabisi Khininda, umbhali ophume izandla ngomnyaka we-2007.Ubengumhleli weli phephanda eqeqesha oonondaba abanezifundo zobuntatheli nabo bangenayo. “Upapasho lweendaba yinkonzo yesizwe kuba ugcina uluntu lusemfuthweni wolwazi.Ngumsebenzi obaluleke kakhulu kum,kubalulekile ukuba iindaba ziye ebentwini singaxhomekeki ekushicileleni kuphela ekubeni zikhona nezinye iindlela ezilula zokusakaza iindaba,”uphethe ngelo uKhininda