Nanjengoku kusiwa ekugqityweni kokubhalwa kweemviwo zokuphela konyaka iEastern Cape Liquor Board (ECLB) yothukile yaze yavakalisa inkxalabo kukufumanisa ukuba kukho amaphekepheke ajikeleza kumakhasi onxibelelwano ekhuthaza ukubanjwa kwamatheko avuyela ukuba kugqityiwe ukubhalwa.Le mibhiyozo ibhizwa ngokuba kukuhlanjwa kwephepha abafundi baye bazintyintye ngobhelu lomsele bengenaxhala langomso.
UGqirha Nombuyiselo Makala oyiNgqonyela yakwa ECLB uthi sekumbovu agqibe onke amabanga emfundo ukubhala iimviwo.Uthe abazali mabahlale bethe qwaa baqiniseke ukuba ayiqhubeki le mibhiyozo enotywala phakathi. “Siyithumele imiyalezo echasene nalamatheko okuhlamba iphepha kuba asifuni kuphindeke isehlo saseNyobeni apho kwasweleka abantwana abangaphaya kwamashumi amabini.Sikwathumela imiyalezo nakubantu abathengisa utywala ukuba bangawavumeli amatheko abafundi kwiindawo zabo.”
UGqirha Makala uqinisekisile ukuba amagosa abo aza kusebenzisana namapolisa ukutshutshisa abo bafunyaniswe besaphula umthetho.Ulebele ngelithi ubongoza iinkokheli zasekuhlaleni,abazali kufuneka bababeke esweni abantwana ngelixesha lonyaka. “Xa abazali bekrokrela ukuba kukho le ndawo kuhlangenwe kuyo ngotywala mabatsalele umnxeba ku-ECLB 080000420 okanye athumele umyalezo kaWhat’sApp ku-0764036223.
UGqirha Makala uqwele ngokubongoza abaqhubi beetekisi abaye base ulutsha kwiindawo zolonwabo ezifana namalwandle uthe ze baqhube ngenkathalo.Bangavumeli izithuthi zabo zisetyenziswe njengendawo zentselo.Uthe abafundi mabakhangele ezinye iindlela zokubhiyozela ukugqiba ukubhala bohlukane notywala.