Azikafunyanwa izijama nkungwini ezidubule zabulala ipolisa baze bonzakalisa amanye aliqela kuphango eMbizana kwintsasa yangoLwesibini weveki esisuka kuyo.Esi siganeko sehle kwiziko lokutha amafutha ezithuthi.Amapolisa athe bhakada ephica, naphansti kwezicithi,abanqevu.
Ngokwengxelo yabasemagunyeni eli gosa libuleweyo lineminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala likwinqanaba lobuConstable noogxa balo babekwizithuthi ezithathu ezahlukeneyo besuka kwindawo yexhwayelo kwilali iZityatyaneni apho bekudityulwe khona umntu.
Ingxelo iqhuba ithi lamagosa ahlangene neembila zithutha ngethuba ehlaselwa ngoonqalintloko ababebalelwa kumashumi amabini bexhobo ngoombayimbayi bohlobo lwe-A-K 47.Isithethi samapolisa uLt.Siphokazi Wawisa uthi abarhanelwa bavulele ngeembumbulu kwizithuthi zamapolisa lahlanz’iselwa kwipolisa elinye loogama amanye eshiyeke etshintshiselana ngencwina kwindawo yesiganeko.
ULt.Colonel Mawisa uthi emva kodubulo aba nqevu bathathe imipu yamapolisa baphinda bazama ukuqhushumbisa isefu egcina imali kodwa zawa phantsi inzame zabo bahamba bephaca.Abecuphi baphanda amatyala aquka elokubulala,ukuzama ukubulala nelokuphanga.Amapolisa ecandelo looKhetshe (Hawks) azophanda eli tyala.
UMkomishinala wamapolisa ephondweni uLieutenant General Nomthetheli Mene uqinisekise ngelithi nabani ophazamisana nocwangco abulale amapolisa akhusela abantu uzolicula iculo elivesi ntathu.Uhambise wathi ukubulawa kwamapolisa kukujongela phantsi inzame zombuso zokusiphula neengcambu ulwaphulo mthetho.