Yintatheli yeKhwezi
ETSOMO-Amalungu osapho olunye atshe aluthuthu kusapho lakwaPhongoma eUpper Xolobe eTsomo.Ngabasetyhini abathathu nabazalwa kunye abatshele endlwini betshiswa ngumlilo ongabonakaliyo ngexesha bezilele isiko lentonjane,batshela ngaphaya komkhusane.
Umnqa ngulo,iingubo abebezombethe azitshanga kwazona.Umlilo ongabonwayo uvele wahambela emzimbeni kuphela washiya iingubo zinjalo.Indlu abebehleli kuyo irhawuke njee kancinci.Esi sithwakumbe senzeke kanye ngosuku olwandulela umgidi wabo ngentsimbi yesithoba kusasa umhla we- 9 kweyeKhala xa bagqiba ukudla isidlo sakusasa.
UMphathiswa wesebe lakwaCogta eMpuma Kapa uNonceba Kontsiwe uye wayokuzibonela ngokwakhe esi sihelegu singaqhelekanga. “Sithe sakuva ngesi siganeko singurhulumente saqonda ukuba masize sizogxwala emswaneni nelikhaya nanjengoko isihelegu esi singaqhelekanga,”utshilo uKhontsiwe.