Abekwe ngesidima nesithozela amalungu amane osapho lakwaMpu kwa-ward 6 kumasipala Intsika Yethu.Owasetyhini nabantwana bakhe abathathu babhubhe kwiveki ephelileyo emva kokutsha ngumlilo ekurhaneleka ukuba waqalwa likhandlela.Ingxelo ithi umfikazi lo nabantwana kunye nomyeni wakhe bebesuka ekhayakhulu apho bekukho umsebenzi kungorhatya nalapho umbane ubungekho umkile elalini nanjengoko ubusele ugqibe usuku lwesibini ungekho.
Ingxelo ihambisa ithi utata wekhaya wafika wazijula ebhedini walala lo gama unkosikazi ekhangela ikhandlela ukuze akhanyise endlini.Utata wekhaya uthi wothuka ebusuku kusitsha wathi hlasi usana olunenyanga ezilithoba elisa kwigumbi lokulala wabe sele unwenile umlilo engasakwazi ukungena ukuya kukhupha unkosikazi nabanye abantwana.Akuzange kubekho nempahla eyakwazi ukukhutshwa nanjengoko umlilo wawudwanguza amalangabe.
UMasipala wase-Intsika Yethu uye wancedisa kwelikhaya ngokubambisana nombutho wabangcwabi kwingingqi yaseChris Hani,iSouth African Funeral Practitioners Association (SAFPA).Ongusihlalo kwi-SAFPA nengumbutho wabangcwabi jikelele kwiphondo leMpuma Kapa uVumile Tsuluka uthi bathi bakuba beyithathele kubo intlungu bagqiba kwelokuba bazakuncedisa bazithathele kubo iindleko zonke zokungcwaba abafi nanjengoko benzile.
Uthi okubenze umdla kakhulu kukuthobeka kosapho lakwaMpu nanjengoko beye bacela ukuba balutshintshe usuku ebelibekwe lusapho ukuze kusetyenzwe kolu lwe-27 kweyeSilimela. Ekwathi ayikokokuqala bencedisa kwiziganeko eziloluhlobo bengumbutho.
Emfanekisweni-Iibhokisi ezine zosapho lakwaMpu
olutshiswe ngumlilo.