Icandelo lamapolisa le-SIU (Special Investigating Unit) likhe phantsi isitya sigcwele kumalinge alo okufumanisa uOscar Mabuyane enetyala lokufumanisa isidanga semfundo ngobuqhophololo.Oku kulandela emva kokuba inkundla ephakamileyo eBisho iye yalosula kumatyala emva kokuba uMtshutshisi engakhange aye eNkundleni ngoLwesibini. Oku kukhokelele ekubeni iJaji ebambeleyo uSally Collet ayalele i-SIU ihlawule iindleko zenkundla uMabuyane abaqhashe ngazo igwetha uTemkeka Ngcukayithobi.
UKaizer Kganyago oSisithethi kuzakufuneka kuphandwe isizathu sokuba uMtshutshisi welityala angaphumeleli enkundleni.UKganyago uthi ukholelwa ekubeni uMtshutshisi khange alukhumbule usuku lwetyala.UNgcukayithobi waxelela inkundla ukuba kwaphuma umthetho wokuba uMabuyane aphandwe ngobuqhophololo kuba engazange asigqibe isidanga sakhe sembeko (honours) kodwa wabhalisela isidanga esingentla eseMasters.UMabuyane oyiNkulumbuso yephondo leMpuma Kapa wakwenza evunyelwa lisolotya eliqwalasela amava noqeqesho analo (Recognition of Prior Learning).Kuphando lwalo icandelo le-SIU zange liphande ngokwaneleyo ukubhalisela kukaMabuyane isidanga seMasters.
UKganyago uthi i-SIU yenze isicelo kuMongameli welizwe ukuba iphinde yenze uphando ngendlela asifumene ngayo uMabuyane isidanga seMasters sifakwe kulo mthetho ukuze uMabuyane atshutshiwe kwakhona.