Imozulu engentlanga ichazwe njengonobangela wengozi yezithuthi ezibini ezingquzulene okwenkunzi zegusha kuhola wendlela u-N2 kwaze kwabhubha abantu abathathu.Le ngozi emasikizi yenzeke kwaBhaca kufutshane nelali yaseDangwana kwintsasa yangeCawa.Ngokwengxelo le ngozi yehle ngethuba iveni eluhlobo lwe-Toyota ebikhwele abantu abahlanu ebisingise ngakuQumbu ingquzulene ne-VW Polo ebisiya kwelinye ikhwele abantu ababini.
Bobabini abakweli kwi-VW Polo babhubhe ngoko nangoko kunye nomnye obekhwele evenini.Amadoda amane onzakeleyo kwi-Toyota LDV kuquka nomqhubi babalekiswe kwisbhedlele iMadzikane ka-Zulu Memorial kwaBhaca (eMt.Frere) ukuze bafumane unyango.
Kutyholwa ukuba ukuqhuba ngokungenankathalo kwiindlela ezimanzi okanye imozulu engentle ibe ngoyena nobangela wale ngozi.Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kumapolisa akwaBhaca,ukuze kuqhutywe uphando.
Kanti naseCorana ngaseMthatha kusweleke abantu ababini kwenye ingozi ebangelwe sisimo sezulu esingasihlanga.