USodolophu womasipala waseNyandeni uViwe Ndamase uthembise ngokulwa kubemdak’isali esilwela ukuziswa kwenkonzo zonyango lwamehlo kwisibhedlele iSt Barnabasa eNtlaza eLibode.
UNdamase ukutsho oku ngethuba lephulo lokusa iinkonzo zezempilo nezinye kwilali iMarhubeni eLibode ngoMgqibelo.Lo msitho iThuma Mina ubuququzelelwe lisebe lezeMpilo,umasipala waseNyandeni namanye amasebe aseburhulumenteni.Phakathi kwenkonzo ebezikhona ziquka ezesebe lezeKhaya;iinkampani eziquka i-Songe Social Change,TB,HIV Care,SHE,Smile Foundation bezinikezela ngeenkonzo zazo zasimahla.
“Bendiqala ukuva ukuba abekho ooGqirha bamehlo eSt.Barnabas.Ndiqale ukuyiva kumphathi wesibhedlele uNobanda kwezintsuku zigqithileyo.Ayihambi kanje xa izolunga.Abantu baseNyandeni abayi-318000 balinda ukuncedwa eNelson Mandela Academic engakwazi kumelana nomthamo omkhulu wabantu abadinga ukuhlolwa amehlo,”kucacaise uSodolophu uNdamase.
UNdamase uyalele abasemagunyeni kwisebe lezeMpilo ukuba bangenise kuye ingxelo edwelisa uluhlu lweenkonzo ezinikezelwa sisibhedlele iSt.Barnabas ukuze bancedise ukukhweba ezinye iimkonzo ezidingekayo.Uthi eli lidabi elifuna kwenziwe ingxolo ngalo kubekho noba ngumnqongo kaGqirha wamehlo ozonceda abantu.
Umququzeleli weliphulo leThuma Mina eMarhubeni uNophiwo Ludidi uthe: “Ndicele ukuziswa kweenkonzo emva kokubona umalume wam nabanye abantu besokola belindiswa ixesha elide eNelson Mandela Academic eMthatha nase Dr. Malizo Mpehle kuTsolo.Sacela uncedo kwiGrace Vision ukuba izonced apha namhlanje.”
Abahlali baseMarhubeni bacele ukuziswa kweenkonzo zezeMpilo rhoqo kulelali ukuhlangula abantu abagulayo.UMphathi wezeMpilo eNyandeni uThembelani Landu uthi bazohlala phantsi negosa elijongene nokusiwa kweenkonzo eluntwini bakhangela isisombululo kwisimbonono saseMarhubeni.Watsho esithi ukuziswa kweenkonzo ngqo kwindawo abahlala kuzo abantu yeyona nto bayivuyelayo nelungileyo.