Amalungu ePublic Assets Community-based Tenants and Owners Association (PACTOA) avele kwinkundla kaMantyi eMthatha kulungiselelwa ukuqaliswa kokuxoxwa kwetyala lobuqhophololo ajamelene nalo.Abasolwa abane abajamelene neli tyala elinobuzaza nguSicelo Nkqayi (39),Zamikhaya Songca (39),Bongani Cikolo (44) kunye nekampani yokwakha kaSicelo Nkqayi iStengo Construction bekulindeleke ukuba baqalise ukuxoxa ngoLwesibini weveki esisuka kuyo.Abamangalelwa basengaphaya kwezitshixo ukusukela kuOktobha wonyaka ophelileyo.
Babanjwa ngezityholo zokurhwaphiliza izakhiwo zika-ECDC kusukela ngoAgasti ka-2017 ukuya kutsho kuSeptemba ka-2022.Inkundla yadiza okokuba yimali engange-R40 yezigidi abatyholwa ngokuyirhwaphiliza,kodwa inkundla idize ukuba leyo mali inyuke yaya kumaR60 ezigidi. “Konke oku kudiza ukuba singoKhetshe asilelanga siyaphanda ngoba le mali iyenyuka ngokuye siphanda.Sithetha nje ikuma-R60 ezigidi imali abatyholwa ngokuyirhwaphiliza iyakuthi ke idizwe xa sele beqalisa ukuxoxa ukuba yeyantoni na,”kutsho uYolisa Mgolodela isithethi seHawks. Kanti uMantyi udize ukuba uAdvocate Matoti nongummeli wabatyholwa akaziva mnandi nto leyo eyenze ukuba ityala limiswe.Liyakuthi libuyele kwakhona enkundleni ngomhla wama-22 ukuya kutsho kumhla wamashumi amabini anesithandathu kuTshazimpuzi ka-2024