Kwiingxelo yobalo lwabantu (Census 2022) ezamkelwe yiNkulumbuso yeMpuma Kapa uOscar Mabuyane,zibonakalisa ukukhula kwamanani abantu beli phondo ngama 10.2%. ukusuka kwi-6.2 yezigidi ngo-2011 ukuyathi xhaxhe kwi-7.2 yezigidi.Le ngxelo idiza ukuba abantu beli phondo bande ngamakhulu asixhenxe amawaka(700,000).Oko kuthetha ukuba iMpuma Kapa yenziwa lishumi elinanye leepesenti kwizigidi ezingamashumi amathandathu anesibini zabantu belizwe loMzantsi Afrika.Le ngxelo idiza ukuba iMpuma Kapa imi kwindawo yesine njengephondo elinabantu abaninzi.
Ezi nkcukacha manani zincedisa kwizicwangciso zophuhliso loluntu nokuhanjswa kweenkonzo.Abona bantu baninzi ephondweni ngabaNtsundu abaku 85.6%,kulandele abeBala ngama 7.6%,abaMhlophe baku 5.6%,amaNdiya nezinye iintlanga ezimveli iseAshiya baku 0.5%. “Ezi nkcukacha zizosincedisa ekuqulunqeni izicwangciso zophuhliso ezithe tye zokuphuhliswa kweempilo zoluntu,nohlumo kwezoqoqosho olungagungqiyo,”kutsho uMabuyane.
Iinkcukacha manani ngokwezithili zeMpuma Kapa:
1.O.R Tambo-1,501702
2.Nelson Mandel Bay Metro-1,190496
3.Buffalo City Metro-975 255
4.Alfred Nzo-936 462
5.Amathole -871 601
6.Chris Hani -828 387
7.Sarah Baatrman-533 253
Joe Gqabi-393 048
UMabuyane ubaqhwabele izandla abantu beMpuma Kapa ngokuthatha inxaxheba kolubalo watsho esithi ngokwale ngxelo iMpuma Kapa ilele kwindawo yesibini xa kuthelekiswa imizi ezibandakanya kwezolimo. “Olu lwazi luthi masiqine sigxabhagxabhise ukuxhasa nokuhlumisa ezolimo ezilalini nasezidolophini.