Umthungi wempahla uMiranda Yaphi uthiwe jize ngezixhobo zokuthunga iimpahla ezixabisa imali ekuma-R370,000 ngumzi wakwaSEFA (Small Enterprise Finance Agency.UMiranda ongowokuzalwa eMcobothini eLusikisiki thungela kwidolophu yaseLusikisiki uthi uzokuvula amathuba emisebenzi ingakumbi kwabo banezakhono zokuthunga.USodolophu womasipala iNgquza Hill uKhansela P.N Pepping ehamba nequmrhu Ingquza Art Organisers nekulilo elincede lo kaYaphi bezinikezela ngezixhobo ngokusesikweni kuYaphi.
USodolophu uqhube wathi azisayi kuphinde zisokole izikolo zeli kunye neenkampani ezidinga ukuthungelwa iimpahla nanjengoko ezi zixhobo zizothi ziwenze lula umsebenzi kungade kudbe kuyiwa kwiidolophu ezikude.Ezi zixhobo zenza yonke into edingekayo kwabo bathungayo.Ukanti olu nikezelo lwezixhobo beluzinyaswe lunizi lwabantu kuquka neenQununu zezikolo eziphantsi eziphantsi komasipala iNgquza Hill ezizakuxhamla ngokuthi zithungelwe oomakufanwe babantwana bezikolo zabo.
: UMiranda Yaphi ongumthungi weempahla ezele luchulumanco emva kokwamkela izixhobo zokuthunga iimpahla kwiagente yakwaSEFA eLusikisiki.