USiyakhangela Ndevu nowakwakhe uVuyokazi bafunyaniswe benetyala baze bagwetywa umdliwo wemali.Isigwebo siwiswe yinkundla ephakamileyo yaseMonti ngoLwesihlanu weveki esisuka kuyo.Esi sibini besixoxa ityala emva kwesiganeko sokubhubha kwabantwana abangamashumi amabini ananye (21) kwindawo yentselo yase-Enyobeni eScenary Park,eMonti.
Isigwebo sihambe ngolu hlobo :- USiyakhangela Ndevu kunye nowakwakhe uVuyokazi Ndevu,banikwe umyalelo wokuba bahlawule imali engamawaka amahlanu (R5000) umntu ngamnye.Lamawaka mahlanu banelungelo lokuwabhatala ngezavenge.Ukuba abakwazi ukuyihlawula le mali,bazakuchitha iintsuku ezilikhulu (100) bethothoza kwezimnyama izisele.
Esi sibini siye safunyanwa sinetyala yinkundla ephakamileyo eMonti ngoLwesithathu weveki edluleyo.Ityala ababekwa lona lelokuthengisela abantwana utywala,abantwana abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo (18) iminyaka yobudala.Ityala lokubhubha kwabantwana abangamashumi amabini ananye lisezkuqhubeka kwinkundla yeNgingqi eMdantsane.