Unogada oneminyaka engamashumi amathandathu anesibini ubudala ubanjelwe ukudubula abule inkwenkwana eneshumi elinesithathu leminyaka ubudala aze onzakalise omnye umfundi.Oku kwenzeke eMatafeni Junior Secondary School eLusikisiki.Ingxelo ithi aba bafundi badutyulwe ngokungena kumasango esikolo kuba befuna ukusebenzisa iwifi yokungena kumaqonga onxibelelwano simahla.
Amapolisa athi umsolwa ubanjelwe ukubulala,ukuzama ukubulala ukufunyanwa nompu neembumbulu ngokungekho mthethweni.UPriscilla Naidu uthi ngoLwesine weveki esisuka kuyo malunga necala emva kwentsimbi yesithandathu ngongcwalazi abafundi abaqikelelwa kwisixhenxe bangene kumasango esikolo iMatafeni J.S.S esikwilali yaseMantusini befuna ukusebenzisa i-Wifi yesikolo baze bagagana nonogada baze babaleka. “UNogada udubule izithonga zompu waze wachana omnye umfundi oye wabhubhela kwindawonyexhwayelo omnye wafumana umonzakalo waze wabalekiselwa esibhedlele ukuze azuze unyango.”Unogada uye wabaleka waze wabanjwa kamva.Kulindeleke ukuba avele kwinkundla kaMantyi eLusikisiki kule veki sikuyo.
OSisithethi samapolisa ephondweni uLt.General Nomthetheli Mene uthe esi siganeko sikhumbuza ngokubaluleka kwendlela abaphendula ngayo oonogada kwiimeko ezikumila kunje.