Umasipala waseKing Sabata Dalindyebo (KSD) uphefumle ngokubanjwa koKhansela ngesityholo sokubulala nokuphanga phantsi kweemeko ezinobungozi.Oku kulandela emva kokuba uKhansela wakwa wadi-23 okwalilungu lekomiti kaSodolophu kwinkonzo ezikhethekileyo (MMC) uNoluvuyo Mayi (39) nabanye abahlanu atyholwa nabo abaquka amalungu osapho bekhululwe yinkundla yamatyala yaseMthatha ngebheyile ye-R2000 umrhanelwa ngamnye.
Ngokwengxelo ukubanjwa kwabo kunxulumene nokubulawa kowayeligosa lonyanzeliso lomthetho e-KSD uMacebo Somhlahlo odutyulwe lwangcola ungele ekhayeni lakhe eZimbane Valley eMthatha kwiveki ephelileyo.Lo ceba akalivumanga eli tyala enkundleni.Ingxelo ekhutshwe sisithethi sikaSodolophu uOlwethu Mabovula ithe “Singumasipala sithatha ezi zityholo njengezi nobuzaza kakhulu kodwa sizonika ithuba abasemegunyeni baqhube uphando lwabo.”
Ngokwenqaku eliphume kwiphephandaba lemihla ngemihla laseMonti lidize ukuba esi siganeko senzeke ngethuba abarhanelwa beyothatha impahla zelungu losapho elingasekhoyo ebelihla ekhayeni lomfi.Le ngxelo yomasipala idize ukuba i-KSD isetyisa lo mba kwaye izenzela olwayo uphando ukuze ifumane okwenzekileyo ekhokelele ekubanjweni kwakhe.Umasipala usigxeke kabukhali esi senzo watsho esithi akazunyamezela nayiphi indlela etenxileyo ehamba nokusengela phantsi iziseko zalo masipala.
Eli tyala kulindeleke libuyele enkundleni ngomhla we-24 kwinyanga ezayo.Kusalindwe uphando oluqhubayo nohlolo lompu ekutyholwa ukuba usetyenziswe ekubulaleni.