Isebe lezeMpilo kwiphondo leMpuma Kapa likuqinisekisile ukuba lizifumene iingxelo ngeenyoka kwisibhedlele iDr.Malizo Mpehle kuTsolo,yaye lizimisele ukujongana nazo ngqo ukuze kukhuseleke ooGqirha,aBongikazi,abasebenzi kunye nezigulane.Oku kulandela ukudizwa ngamajelo eendaba ngeenyoka eziluhlobo lwamarhamba ezidakasa kwesa sibhedlele,zingena naseziwadini apho kulele khona izigulane,nto leyo ibeka emngciphekweni wonke umntu okwesasibhedlele.UMkhululi Ndamase osisithethi sesebe lezeMpilo uthi belisebe balinde ingxelo ezakufakwa ngamagosa ezempilo abathunywe ukuba ayokwenza uphando.
Kubanjwe obezenza uGqirha kwisibhedlele saseMthatha
Isebe lezeMpilo eMpuma Kapa lithi obezenza uGqirha womgunyanthi kwisibhedlele iNelson Mandela Academic,eMthatha ubhaqwe engekade ahlole izigulane.Isithethi sesebe uSiyanda Manana uthi...