Amapolisa angqinile ukuba emva koqulukubhode wodubulwano lwabarhanelwa namapolisa kwindlela u-R61 phakathi koMthatha neNgcobo kushiyeke kungekho nencwina kubarhanelwa,kuthe cwaka kodwa kuqungquluze abarhanelwa abathandathu.Ngokutsho kwamapolisa kuthe kwaqhoqhozwana ngeembumbulu ngamapolisa noonotekisi kwisithuba secala emva kwentsimbi yesihlanu emalanga,ngoMvulo.
Isithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana uthi inkqubo yokufanisa imizimba iyaqhuba.UBrigadier Gantana udize ukuba iphulo lezobuntlola belijonge abathile abatyholwa ngokubandakanyeka kumkhuba wokufuna imali yokhuseleko koosomashishini (protection fee).Amapolisa amise isithuthi abarhanelwa baphume nje bavulela ngeembumbulu emapoliseni nawo abuyisa ezikhusela kwabhubha abathandathu,”kuchaza uBrigadier Gantana.
Ngokutsho kwengxelo yamapolisa ukhala wamapolisa i-Independent Police Investigative Directorate (IPID) ixelelwe iza kuqhuba uphando ngendlela ababhubhe ngayo abarhanelwa ezandleni zamapolisa.Ngokutsho kwelinye lamajelo eendaba omnye wababhubhileyo ngunotekisi odumileyo aphinde abeyiNkosi yaseDecolyn eMthatha West.Ngokwenkcaza ekhutshwe lijelo leendaba i-ENCA uZola “Bishop” Yolelo owayesakuba ,nguMongameli kaSANTACO ephondweni,uphakathi kwamaxhoba.