Ityala likaJulius Malema oyiNkumanda yombutho we-EFF limiselwe umhla we-29 kwinyanga yoMsintsi 2025 yiNkundla yamatyala eMonti.Ngethuba libuyela enkundleni uMantyi uza kuwisa isigwebo sakhe kulandela ukugqiba kombuso negqwetha labarhanelwa ukuvala ingxoxo ngelityala.UMalema natyholwa naye u-Adriaan Snyman bajamelene netyala lokufunyanwa nompu neembumbulu ngaphandle kwemvume,ukudubula esidlangalaleni bengajongi ubungozi baloonto ngakubantu neempahla.
Oku kwenzeke ngethuba lemibhiyozo yalombutho eyayibanjelwe eMdantsane ngomhla wama-28 kuJulayi 2018 apho kutyholwa ukuba uMalema ngokudubula emoyeni.ULuxolo Tyali othethela iGunyabantu lezoTshutshiso uthi umpu ekutyholwa ukuba wasetyenziswa nguMalema ngowenkampani eyayisetyenzelwa nguSnyman njengoMqondisi kuyo.
Kunyaka ophelileyo umbuso walivala eli tyala emva kokubiza amangqina alishumi nethoba.Nangona kunjalo esi sibini safaka isicelo sokuchithwa kweli tyala saze sakhatywa yinkundla.Igqwetha labo likhokhle ubungqina bengcali ezimbini kulawulo lwemipu nakuvavanyo lwayo.Naye uMalema uthe wakhwela eqongeni ezikhusela.Onke amangqina aphoswa ngemibuzo ligqwetha lombuso uAdvocate Joel Cesar.
IGunyabantu lezoTshutshiso lithi likholelwa ukuba liveze ngokungathandabuzekiyo ukuba esi sibini sinalo ityala kwaye baphose ithemba kuMantyi abafumane bentyala abagwebe.

: UJulius Malema oyiNkumanda yombutho we-EFF natyholwa naye uAdriaan Snyman enkundleni yamatyala eMonti