IGunyabantu lezoTshutshiso lisichase ngempumelelo isicelo sebheyile soMfundisi webandla iHoly Burning Fire Ministries of God uSonwabo Nqayi otyholwa ngamatyala aquka ukubulala intwazana eneshumi nesibini leminyaka ubudala uLithaliyanda Ntini.
Lo Mfundisi oneminyaka engamashumi amathathuanesithoba ubudala ujongene netyala lokucwangcisa ukubulala,ukuqweqwedisa nokuxaba phambi kwenkqubo yobulungisa.Ixhoba uLithaliyanda Ntini waduka ngethuba esiya evenkileni ngomhla wama-24 kweyeSilimela 2025.Kutyholwa ukuba le ntwazana yaqweqwediswa nguloMfundisi yasiwa ehlathini e-NU-6,e Mothaerwell eGqeberha apho kutyholwa ukuba yabulawa ze umzimba wayo watshiswa.Umzimba wafunyanwa ekuzeni kusa ngomhla we-27 kwinyanga ephelileyo ehlathini.
ULuxolo Tyali othethela iGunyabantu lezeTshutshiso uthi into eshiyekileyo ngoku kukusebenzisana namapolisa ukuqinisekisa ngethuba kuqala ityala uphando luza kuba lugqityiwe kuxoxwe ityala.IGunyababantu lezeoTshutshiso lithi isizathu zokuchasa isicelo sebheyile kukuba esi siganeko sacwangciswa,usethubeni lokubaleka ityala aphinde asebenzise amandla ache ukugrogrisa amangqina.Ityala limiselwe umhla wama-28 kwinyanga ezayo ukuze kuqhuitywe uphando.

:UMfunsis uSonwabo Nqayi otyholwa ngokubulala intwazana eneshumi elinesibi leminyaka.