Imvumi yomculo wesintu uChulekazi ‘Chule’Nontswabu ulwa nokubulawa kwabathandana besisini esinye ngomculo wesiNtu.UChule oyinzalelwana yaseDumse eNtabankulu nosele ehlala eMthatha,uyimvumi yomculo wesiNtu nengoma zayo zigxile kuthando nokulwa nobundlobongela bokubulawa kwabo bathandana besisini esinye. “Ndiqale ukwenza umculo kaMaskhandi ngonyaka wama-2018, ndikhule umama wam ethanda kakhulu lo mculo nam ndabe ndizifela ngoMtshengiseni,”utsho uChule.
Ngonyaka wama-2016 wathi wazibandakanya neqela Amageza Amahle.Khange aphumle uChule nalapho wathi wakhupha ingoma yakhe yokuqala. “Ndithe ndakukupha ingoma yokuqala ndabona tyhini abantu bayawonwabela umculo wam,ndabuya ngo-2019 ndakhupha enye ethi “It’s over”.Nakulena ndabona ukuba abantu bawunxanelwe umculo wam kulapho ke ndithe ndenza icwecwe elipheleleyo kunyaka ophelileyo elithi “Ndiboniseni indlela”utsho uChule.Iingoma zam kweli cwecwe litsha zinqanda ukuxhatshazwa nokubulawa kwabantu abathandana besisisni esinye.Bangabantu nabo kwaye bayaludinga uthando.Mna ndaba nethemsanqa lokuba ndamkelwe ekhaya ukuba ndinomdla kwisini esifana nesam kodwa akungabo bonke ababanalo eli thamsanqa.Abanye bayagxothwa emakhayeni,basikwe ezinkonzweni babulawe ekuhlaleni,”utsho uChule.
UChule uthi usebenza neemvumi ezifana noDiliva,Dololo,Sandlasemfene,Ngubenja,Viper,Lukho M kunye noNosiphiwo Potelwa.Umculo kaChule uyafumaneka kulamaqonga ezomculo:-Spotify,Apple Music naku-YouTube.
Imvumi yomculo woMaskhandi uChule Nontswabu uphakamisa amalungelo abantu abathandana besisini esinye.