Ulonyulo lukazwelonke namaphondo kwiveki ephelileyo lubonakalise ukwehla kakhulu kwenkxaso ngakumbutho we-ANC obusoloko utshotsh’entla.Nangona uKhongolosi engaqhubanga kakauhle kwamanye amaphondo nakuzwelonke ukwazile ukuphumelela eMpuma Kapa.Nakubeni kunjalo kukho abantu abathi soze bayeke ukuwuvotela lo mbutho ngenxa yembali yawo. “Ewe i-ANC siyayikhalazela ngokunqaba kwemisebenzi neenkonzo ezingeziyo eluntwini,kodwa siyawubona umohluko kwezinye iindawo abantu bokhelwa izindlu,bafakelwe umbane kulungiswe iindlela.Awukho umbutho ongenza ezo zinto kwiindawo zonke ngecesha elinye,”olu luluvo lukaNomasista Mphako ozalwa eMbobeleni eLibode.UNomasista uthi waqala ukuthengisa iziqhamo kwidolophu yaseMthatha ngomnyaka wama-2006.Uthe uyavuka ukuba uKhongolosi ephinde wanikwa elinye ithuba eMpuma Kapa.
UOngeziwe Masipula uthi akasoze avotele oovukengceni ozophinda ungazi ukuba baphelelephi. “UMandela walilwela eli lizwe ukuze sikhululeke.Ndingawuyeka kanjani umbutho wabazali bam?UZuma wamosha wakugqiba wayosungula umbutho wakhe.Iingxaki ezadalwa nguZuma kufuneka zilungise nguMongameli Ramaphosa.”UKanti uSifiso Ndlovu ongowokuzalwa eSikhawini kwiphondo lakwaZulu-Natal ongumakhi ohlala eMaiden Farm eMthatha uthi: “Ndayilwela i-ANC kwimilo yayo neNkatha Freedom Party.Abantakwethu ababini baswelekela kulawo madabi kodwa zange isenzele kwanto i-ANC.Izithembiso zayo yohluleka ukuzifezekisa.Zange ndakhelwe nethoyilethi le yambala.Ngoku ndivotele i-MK Party kaZuma kuba uthembisa iinguqu.Ngeke ndiphinde ndivotele umntu ongakwazi nokuthetha isiZulu. UMbongeni Mabaso uthi ibilindelekile eyokwehla kwenkxaso ngakwi-ANC. “Ngoku lithuba lokuba i-ANC ifunde isifundo,itsho ilungise iimpazamo zayo.Kungenjalo izakuphulukwa nangalamaphondo ewaphumeleleyo.Ngoku kufuneka iinkokheli ezinomqolo ezizakuqhubela umzabalazo phambili.Kuphuculwe intlalo yabantu abasokolayo,siyeke ukuba yintlekisa ko-Cutting Edge ngenxa yokuhamba emva kwezophuhliso lwentlalo.
: UMbongeni Mabaso okholelwa ukuba kolu ulonyulo i-ANC ifunde isifundo izakutsho iqoshelise umsila.