Abahlali baseSidakeni kwidolophu yaseMatatiele basothukile emva kokufunyanwa komzimba kaSamuel Xaki (55) wakwilali yaseMnyemaneni obenyemelele iiveki ezimbini. “NgoMgqibelo umhla wethoba bendisedolophini umfowethu elapha kwam,ndathi xa ndibiya edolophini ndambona esehlika,ndacingela ukuba uya ekhaya,kuthe ngeCawe ndabona engafiki apha endlini ukuzotya.Ndiye ndathumela umzukulwana wam ukuba ayombiza ubhuti wathi xa ebuya “gogo akekho utatomkhulu” kulapho ke ndiye ndathwala amehlo samkhangela ndibuza nakomakhelwane ukuba abambonanga na,bathi hayi.
Siwaxelele amapolisa nawo azenzile iinzame ukusifunisa ubhuti.Kuthe ngoLwesine umhla wamashumi amabini kwinyanga yoMsintsi wafunyanwa kwilali yaseSidakeni,kwaye kukho amalungu womzimba asusiweyo,”kutsho udadewabo uMatshatshu Mtshizana.Amapolisa asaphanda ityala lokubulala kwaye akukabanjwa mntu.