IMthatha Arts Centre iwusingathe ngempumelelo umnyhadala, i6th Annual High School Poetry Challenge, weembongi ezingabafundi kwizikolo zase-OR Tambo.Umxholo kulonyaka ubusithi 30 Years of Resilience,Cultural Preservation and Artistic Excellence.
Olu khuphiswano lweNqontsonqa Award luphunyelelwe nguLihle Nqasha ongumfundi webakala leshumi elinanye (Grade 11) kwisikolo iSaku Gengqe S.S.S eMqanduli.Uphumelele iwaka leerandi (R1000).Kunyaka ophelileyo wayephume kwindawo yesibini.Elibhaso lizonikezelwa kwisikolo sakhe iSaku Gengqe,eMqanduli phambi kwabanye abafundi.Emva kwempumelelo yakhe uthethe wenjenje: “Mna iHigh School Poetry Challenge indenze ndakhuthazeka ndanonguthu lolonwabo ndatsho ndabona ukuba xa unesiphiwo onikwe sona sisebenzise ungasibambi ngaphakathi kodwa ukwazi ukuchubela abanye abantu batsho bayive ngalendlela ofuna bayive ngayo.Indenze ndangumququzeleli ndiwuva umoya wobumbongi uphila ngaphakathi kwam.Ndiyabulela kakhulu ngokuvulwa kwale nkqubo,inganceda abantu abaninzi,nam indincedile iSoul Clap Session.
UHlumisa Gontsi (16) ungumfundi eZimele High School uphume kwindawo yesibini wazuza i-R500.Uthi olu khuphiswano lumnike ithuba lokuvelisa isakhono anaso ekubongeni.Utsho wadibana nezinye iimbongi babelana ngamava.Uyalibulela igalelo leSoul Clap Session lokuhlumisa izakhono kwiimbongi ezikhulayo.Ophume kwindawo yesithathu nguBaxolele L.Somkoko (17) ongumfundi eGobizizwe Agricaltural High School yena wazuza i-R250.00. “IHigh School Poetry Challenge ndiyaqala ukuyingenela kodwa kuluvuyo kum ukubayinxalenye yayo,iyandinceda ukwazana nabanye abantwana kwaye nezinye iimbongi,indinike ithuba lokufunda ukusebenzisana nezinye iimbongi eziliqhelileyo iqonga apho sithi xa sidibene sikwazi ukufundisana silungisane apho sinamanxele khona,”utsho uSomkoko.
Lo mnyhadala uzuze inkxaso kumasipala waseKing Sabata Dalindyebo,icandelo leZokhenketho lincedise ngesandisi sandi (sound system) nokutyisa abafundi.iMthatha Community Arts Centre incedise ngendawo yokuqhubela umnyhadala nebhaso likaNqontsonqa.Isebe leZemidlalo,uLonwabo,uBugcisa neNkcubeko e-OR Tambo linikezele ngeendebe kwabagqwesileyo.Ukhuphiswano lwalo nyaka lohluke ngokuba ababukeli bebenikwa ithuba lokuba bavotele lowo bacinga ukuba wenze kakuhle kunabanye bencedisana nabagwebi.Bekukho neemvumi ezonwabisayo uYolanda Notes,Mandilakhe Twazi okwayimbongi,Ongu uKumkanikazi,uMbali Lonti,uLunga Dancer Hoffman noMakaziwe imvumi.
UThandeka ‘Nkqo’Vabaza owangumsunguli wolukhuphiswano nobesoloko ebetha kuye epokothweni ukusingatha lo mnyhadala engenangxaso evela ngaphandle ubulele uluntu ngenkxaso yabo.

: Iimbongi ezingqwesileyo kwiHigh School Poetry Challenge 2025,eMthatha Arts Centre.