Emva kwembambano ngomakabekwe njengebambela leKumkani kwisizwe samaMpondo aseQawukeni iAmaMpondo Royal Family,kwintlangano ebingomhla we- 10May kulonyaka,kwiKomkhulu iHewu,eNtlezi kwidolophu yaseFlagstaff kuye kwabekwa iNkosana uYolisa Zululiyazongoma Sigcau ukuba angene ezihlangwini zikayise ongasekhoyo uKumkani Zanozuko Sigcau.UKumkani Zanozuko Sigcau wakhothama ngonyaka ka-2022.
Le ndlu ithi ayijiki kwisigqibo esithathileyo sokuba unyana weKumkani eyakhothamayo,uNkosana Yolisa Zululiyazongoma Sigcau ibenguye ozakungena ezihlangwini zikayise emva kokubanjelwa nguninakhulu uKumkanikazi Nobandla Sigcau kuba ebesesesikolweni esenza izifundo zomthetho.Unomji ngowokuba kwakule ndlu bakhona abangahambisaniyobnokutyunjwa kwale Nkosana bekhalangelithi ifunyenwe nguKumakani Zanozuko ngaphandle komtshato.Kwelinye icala iNkulumbuso yephondo u-Oscar Mabuyane,ukhuphe umpoposho ,kutsha nje ,othi urhulumente wamkela uNkosana Dumelani Freeman Sigcau njengebambela Kumkani yamaMpondo aseQawukeni.
Kusenjanlo indlu yeKumkani uMarhelane nenomnombo ozala iiKumkani ezintathu phambi koZanozuko,iwukhabe ngawo omane amanqina lowo mpoposho iqamele ngelithi iNkulumuso ixabanisa amaMpondo,kumbandela engengeni ndawo kuwo konke-konke.Bakhala ngelithi kwa-uDumelani lowo,ngokozalo,akekho kumgca wokuba libambela Kumkani.Emveni kokuba uMabuyane ekhuphe lo mpoposho indlu yaMaMpondo Royal Family yabhala incwadi, etshisayo,ixelela uNdungwane (Mabuyane),ukuba mathi gu-u-u bucala bazisombululele inyewe yawo.Lo mba kudala ushukuxwa kungade kuvele sisombululo kwade kwakhwetywa neKomishoni kaGqirha Nokuzola Mndende ukuba ilamle.Nesiphakamiso eyeza naso zange samkeleke,yabe iqhuba imbambano.