Intiyo,ukudlwengulwa,ukungamkelwa kwamalungu e-LGBTQI+ ezilalini ukunyhashwa kwamalungelo isengumceli mngeni omkhulu nangona umqulu wamalungelo ukhuthaza ukuzikhethela komntu ubomi abufunayo kuquka ukuhlala nokuthandana nalowo amkhethileyo.
Konke oku kuvele ngethuba kusingathwe umsitho we-Pride eMthatha ngoMgqibelo.Injongo zalo msitho kukuveza imiceli mingeni ejongene ne-LGBTQI+ kummandla wase-O.R Tambo,ikwaligwiba kwabo banagamaxhoba okungamkelwa emakhaya.Lo msitho utshayelelwe ngomngcelele oqale eNelson Mandela Museum ukya kwiholo yedolophu yaseMthatha.
UMququzeleli uTuasa Nombewu uthi injongo zalePride kukubonakalisa imiceli mngeni abajongene nayo equka ukungamkeleki ezilalini,ukudlwengulwa (Correctional rape) ukulungisana ngokwengqondo (mental health) nentiyo edlungileyo. “Isizathu sokuyibamba eMthatha lePride kulapho amalungu e-LGBTQI+ ekhululeka khona aphile ubomi abufunayo.Sifuna ukuyolanda nabaxhatshazwa ezilalini apho bazifihla khona.Abantu mabazi nathi sinamalungelo ekumele siwaxhamle,siwakhusele kananjalo,”kucacisa uTuasa.
UMthetheleli Nkuphiso wesebe Lophuhliso Lwentlalo e-O,R Tambo uthi njengesebe bayawenza amaphulo okufundisa abantu nge-LGBTQI+ ezikolweni,nasekuhlaleni baphinde babambe neengxoxo mpikiswano kunye namaqumrhu angenzi nzuzo aquka i-SONGE SOCIAL CHANGE,SEXUAL HEALTH EMPOWERMENT(SHE) ngenjongo zokunqanda intiyo nokubekwa ibala.
UBonga Jezile wequmrhu lamadoda e-O.R Tambo uthe “Silapha ukuzoxhasa lePride.Siyazibophelela ukukhusela eli candela,nokufundisa abantu bahloniphe amalungelo abanye abantu njengoko kusitsho umqulu wamalungelo abantu.USibonelo Ncanana-Trower onguProvincial Chair on hate crime-LGBQTI+ PERSONS uthe bafuna ukuqinisekisa ukuba bafumana inkonzo bengacalulwa kumaziko empilo nasekuhlaleni.