Obesakuba nguMtshutshisi uLuthando Nomandindi (33) uvelile phambi kwenkundala yamatyala oRhwebo eMthatha ngezityholo zobuqhophololo,kunye nokuthetha ubuxoki malunga neziqinisekiso zemfundo ezisetyenziselwe ukufumana umsebenzi kwiGunyabantu leZotshutshiso (NPA).UNomandindi ubanjwe ngoLwesibini,umhla wama-22 kweyeKhala kulonyaka,emva kophando olunzulu olwenziwe licandelo loPhando ngoLwaphulo-mthetho oluNxibelelwano oluzinze eMthatha,ooKhetshe (Serious Commercial Crime Investigation Unit) ngokubambisana neNPA.
Ngokwengxelo yabasemagunyeni uNomandindi ubhalise isidanga se-LLB kwiYunivesithi iWalter Sisulu phakathi konyaka wama-2010 ukuya ku-2016 kodwa wasilela ukuzifezekisa imfuneko yokuba aphumelele.Ngaphandle koku,kutyholwa ukuba uye wafaka isiqinisekiso somgunyathi se-LLB kunyenengxelo engeyonyani ye-Legal Education and Development (L.E.A.D) xa efaka isicelo seNkqubo yoMtshutshisi Oyilwayo we-NPA ngomnyaka wama-2020.Waqeshwa ngoJanuwari 2021 kwaye kamva wenyuselwa ekubeni nguMtshutshisi woluntu.Abaphandi bathi wade wakhethelwa kwisikhundla esiphezulu kwinqanaba leNkundla yeNqila esebenzisa iziqinisekiso zobuqhetseba ezifanayo.
Nangona kunjalo,xa i-NPA ibifuna amaxwebhu ache okuqala emfundo ekuqaleni komnyaka wama-2025 uNomandindi wayeka emsebenzini ngequbuliso ngomhla we-15 Matshi 2025.Uphando luqinisekise ukuba uNomandindi zange afumane isidanga se-LLB e-WSU kwaye khange ayifumane nengxelo yokuzimasa kwa-L.E.A.D ngenxa yemali engekahlawulwa.UNomandindi ukhululwe ngebheyile ye-R5000.kwaye ityala lihlehliselwe umhla we-18 ka=Agasti kulonyaka.