UNobhala wombutho weetekisi uNcedo Taxi Association uSinethemba Njonti uthi isizathu sokuba bavingce uhola wendlela u-N2 phakathi kwesibhedlele i-Madzikane Memorial noShinta Junction kwiveki ephelileyo,bebenyanzelisa iimpendulo kumasipala waseMzimvubu nesebe leZothutho malunga nesicelo sokwakhelwa irenki abasifaka ngomnyaka we-1985.Uthe idolophu yakwaBhaca (Mount Frere) yidolophu exakeke kakhulu ngabantu abangena bephuma,bethenga kule dolophu.Uthe ngentsuku ezinethayo iimpahla zabantu zibamanzi kuba abanandawo yokusithela.
“Ngokolwazi lwethu isicelo sokwakhelwa irenki safakwa ngo-1985 kodwa kunanamhla oku akubikho nto yenzekayo kodwa kwidolophu yaseMaxesibeni (Mt.Ayliff) kwakhiwa irenki yesibini.Zininzi iingozi zezithuthi ezenzeka kule dolophu ngenxa yendlela emqengqelezi.Kuthe kwakubakho isehlo amakhansela enze izithembiso ezingapheleli ndawo emva koko athi cwaka ibengathi zange athembise nganto.”Uthe iintlanganiso abazicela nebhunga likamasipala azide ziphumelele kuba amakhansela asoloko esithi axakekile.
Umphathi kwicandelo lezoqhakamshelano neSPU (Special Programmes) uNonkanyiso Zembe uthe umasipala waseMzimvubu ububambe intlanganiso ebeneziphumo ezithembisayo.Amagosa esebe leZothutho avakalise ukukhathazeka ngendlela ophethwe ngayo umba wolwakhiwo lwerenki kwaBhaca. “Enye yezinto edale ulibaziseko kulwakhiwo kwerenki kukunikezelwa komhlaba lisebe leMisebenzi yoLuntu linikezela lo mhlaba kumasipala waseMzimvubu,”kucacisa uZembe.Uhambise wathi kwintlanganiso ebibanjwe kunyaka ophelileyo umasipala wathembisa ukuba uza kuqala ngokupopola umhlaba ozihektari ezilishumi ophawulelwe ulwakhiwo lwerenki.
UZembe uthe umasipala uzimisele ukwenza unako-nako ukuze luphuthume unikezelo komhlaba kutyikitywe namaxwebhu angenkcitho phakathi kwesebe leZothutho nomasipala waseMzimvubu.