Ulwebiwo lwemfuyo nopkunqongophala kwezixholo kwizikhululo zamapolisa zidala inkxalabo kuMphathiswa wesebe loKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha.Oku ukudize ngethuba esothula ingxelo yolwaphulo mthetho ephondweni,eMthatha kwiveki ephelileyo.Abanye abantu bavakalise ukoneliseka ngamanyathelo athathwa ngurhulumente ukunciphisa ulwaphulo mthetho,belandela izindululo abaye baziphakamisa kunyaka ophelileyo.
UNqatha uphawule ngomkhwa obudlangile wokubhataliswa kwabantu imali yokhuseleko (protection fee). “Ndithetha nje ezinye zegaraji ezazivaliwe ngenxa yokubhataliswa imali yokhuseleko ziphinde zavulwa.Nezinye iindawo zooGqirha abazimeleyo ziyasebenza sithetha nje.Masebenzisane siluluntu ukulwa umkhuba wolwebiwo lwemfuyo odlungileyo.
Inyathelo lamapolisa akuQumbu ebambisene ne Vispol Commander likhokelele ekubanjweni kwabasolwa abathathu abaneminyaka ephekathi kwe-19- ne-25 kulandela ukudubula esidlangalaleni kwidolophu yakuQumbu ngoLwesine weveki ephelileyo.Abarhanelwa bafunyenwe benemipu engenazincwadi neembumbulu.Uhambise wathi umonakalo odalwa lulwebiwo lwemfuyo udinga ingqwalasela kuqiniswe amacandelo alwa ulwebiwo lwemfuyo amapolisa asebenzisane nesebe lezoBulungisa ukuqinisekisa ukuba abo babanjelwe ulwebiwo lwemfuyo banikwa izigwebo eziqatha.