Yintatheli yeKhwezi
UJacob Gedleyihlekisa Zuma owayesakuba nguMongameli weli lomdibaniso uthi nangona eselilungu likaKhongolosi akazukuyigayela iivoti engazukuyivotela kananjalo.UZuma uthi eyakhe ivoti iya kwiMK enkokheli zayo ezingekadizwa.Lo mbutho obizwa uMkhonto Wesizwe eyayisakuba liphiko lomkhosi we-ANC usunglwe e-SOWETO nge 16 kaDisemba wonyaka ophelileyo.
Ngokomgaqo siseko we-ANC ilungu lalo mbutho alikwazi ukuzimanya nomnye umbutho ongeyiyo Ianc.Kwa –MK le yayeka ukuba yi-MK emva kokupheliswa kwayo phaya kunyaka we-1993.I-ANC ithi iza kumohlwaya lo kaZuma.
“Ngonyaka ka-2024 mna ndizakuvotela uMkhonto weSizwe.Lo mbutho sele ubhalisiwe nakwi-Independent Electoral Commission kwaye ndiwuxhasa ngandlela zonke.”Ndathatha isigqibo sokuba andisoze ndivotele i-ANC ekhokhelwe nguCyril Ramaphosa.Ayiseyiyo la-ANC ndazimanya nayo kwiminyaka engaphaya kwamashumi amathandathu.Ndimema bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bavotele lo mbutho we-MK,”kutsho uZuma.
UFikile Mbalula onguNobhala Jikelele we-ANC ubhengeze ukuba umbutho we-ANC awuzukumbizela kwikomiti yezoluleko uZuma kuba uzigxothe ngokwakhe wazibandakanya noMkhonto Wesizwe.Kananjalo i-ANC iye ezinkundleni iyothintela ukusetyenziswa kwegama loMkhonto Wesizwe eliphiko lomkhosi likaKhongolosi elabhangiswayo.