INkulumbuso yephondo leMpuma Kapa uOscar Mabuyane ubalule waphawula igalelo leeNkosi ngendima yazo kuphuhliso loluntu.UMabuyanae ukuthethe oku ngoLwesine ngethuna kuqukunjelwa ingqungquthela ebinstuku mbini yeeNkosi ebibanjelwe eDan’s Lodge eLurhasini eLibode.
“Kuyavuyisa ukubona umthamo wenkqubo zophuhliso eziqhubekayo phantsi komasipala wesithili sase-O.R Tambo.Ezi nkqubo zolwakhiwo ziquka ulwakhiwo lweebhulorho ezimbini iMsikaba kunye neMthentu eLusikisiki.Ezi nkqubo zophuhliso azinxibelelanisi kuphela kodwa zibonisa inkqubela zithi jize uluntu lwezindawo ngamathuba emisebenzi.”
UMabuyane uthi kubalulekile ukuphawula ukuba nangona ikhona inkqubela imingeni isekhona.Ukwathe ayinakubethwa ngoyaba eyokungabikho kophuhliso kwiindawo ezithile.Ubalule ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana njengengxaki egabadeleyo eyombethe uluntu.Uvumile ukuba ubukho bamabhuma angekho mthethweni iseyingxaki enkulu eneziphumo ezikrakra okwencindi yekhala kumakhwenkwe aselula achaphazelekileyo.
USomlomo webhunga lomasipala we-O.R Tambo uNtandokazi Capa uthi le ngqungquthela yeeNkosi bekumele ukuba yabanjwa kudala kuchetywane iinduma kuqiniswe indela yokusebenzisana ukusa uphuhliso ebantwini.Le ndibano ibizinyaswe ziiKumkani eziquka uNdlovuyezwe Ndamase,amasebe karhulumente nabameli boomasipala abahlanu abaphantsi kwe-O.R Tambo.
Ukungasebenzisani phakathi kukarhulumente neeNkosi kube phambili kule ndibano.UCapa uthi kukho uphuhliso lwenkonzo olumileyo kulo mmandla ngenxa yeeNkosi ezifuna ukubhatalwa ngomhlaba nto leyo ichaphazela ukuxhamla kwabahlali kwiinkonzo ezingundoqo. “Sifuna ukuqinisekisa ukuba iiNkosi zidlala indima yazo ephambili kuphuhliso ekuhlaleni.Abantu ngabe Nkosi urhulumente ufika umzuzwana ahambe.Umzekelo sineProjekthi yamanzi emileyo ixesha elide eMqanduli ngenxa yeNkosi efuna ukuhlawulwa.Loo nto ibangela ukuqhwalela ngenxa yemali engekhoyo yokhuhlawula umhlaba.Sifuna iiNkosi sibonisane nazo ukuba ezi projekthi ziziselwe ukutshintsha ubomi babantu kwaye akukho mali mbuyekezo kumasipala,”kutsho uCapa. USihlalo weContralesa uNkosi Mwelo Nonkonyana uyaphika ukuba kukho iiNkosi ezifuna ukuhlawulwa nezinyobo ngokusiwa kweenkonzo eluntwini.UNkosi Nonkonyana uthe : “Enyanisweni ayikho loo nto.Loo nto yenziwa ziziqu zeeNkosi ezifuna izinyobo zitye zodwa.INkosi inesigqeba sayo ke kufuneka siyihlabe siyinyhashe lo nto yenziwa zezoNkosi.IiNkosi mazisebenze namaphakathi angazukonqena ukuzinqwanqwada
: INkulumbuso yeMpuma Kapa uOscar Mabuyane exhawulana noKumkani Ndlovuyezwe waseNyandeni.