NguMonwabisi Khininda
ELIBODE-Kwiveki esisuka kuyo,umasipala waseNyandeni ophantsi kwesithili saseO.R Tambo usingathe ingqungquthela entsuku mbini yezotyalo mali eDan’s Lodge ekwilali yaseLurhasini eLibode.Ukhansela Viwe Ndamase onguSodolophu walo masipala ebezingomba isifuba eqhayisa ngobutyebi obufumaneka kulo masipala.
USodolophu uNdamase ukhankanye ulimo,ukufuya,ubutyebi obesemanxwemeni kwakunye nokulinywa kwentsangu. “Uluntu lwaseNyandeni luzakuxhamla kwiinzame esizenzayo zokutsala abatyali zimali ukuba beze apha.Sinee-ofisi zalapha eNyandeni eziseMthatha kodwa ke ngoku sele ikhona indawo apho zizokwakhiwa khona,” kucacisa uNdamase.Uqhube wathi intsangu kudala abantu baseNyandeni bephila ngayo. “ Kukho abantu abanezidanga zemfundo befundiswa ngemali yentsangu ingekegunyaziswa.Sithi ke ngoku mabangashiywa ngaphandle xa sele ivumelekile ukuba isetyenziswe kumachiza,”kuphawula uNdamase.
Kwilizwi lenkxaso uSosithili wase-O.R Tambo uMosuli Ngqondwana uthe bakwiphulo lokuhlangabezana nomngeni wokunqongophala kwamanzi okudala ukungoneliseki kubahlali.Uthe lo mngeni izakuba yinto yezolo.Ukanti uMphathiswa weZimali noPhuhliso loQoqosho eMpuma Kapa uMlungisi Mvoko nobesisithethi sosuku ulincomile kakhulu inyathelo likamasipala waseNyandeni malunga nalenkqubo yabatyali zimali (investment summit).Uthe ukuphuhliswa koqoqosho luzakudala amathuba emisebenzi kuba ingingqi i-O.R Tambo iphala phambili kwizinga lokunqaba kwemisebenzi.
“Ndinethemba lokuba bonke abantu abazakuba kwiikhomishini bazoza nezinto ezingumkhombandlela wokuqhubela le nkqubo ukuba ibheke phambili,”kutsho uMphathiswa uMvoko.Oosomashishini abakulo masipala balivuyele kakhulu eli thuba.UNaledi ‘Nana’Ndamase onguMsunguli weIbuyambo yamaMpondo nabathengisi bempahla,equka impahla yesiNtu uthi rhoqo ngonyaka basingatha imisitho yeBuyambo Cultural Festival injongo yakhe kukukhuthaza ulutsha ukuze luzikhwebule ekusebenziseni iziyobisi ezingumbulalazwe.