Ngamanye amaxesha ukuya kwiklinikhi ukuya kufumana izinto zokucwangcisa kumantombazana akubiyonto elula nanjengoko kuye ngamanye amaxesha kuthethe ukungayi esikolweni okanye ukuhamba umgama omde ukuyofikelela kwiziko lempilo.Isebe leZempilo lize nesisombululo kwezinye zeengxaki ezithi zenze amantombazana angakwazi ukuthatha izicwangcisi nto leyo eyenza linyuke inani labakhulelwayo beselula nabosuleleka yintsholongwane ye-HIV.
Esi sisombululo ngumtshini wokuzicofela othwele izicwangcisi (Contraseptives Vending Machine) kwaye luyaqaleka ngqa ukubakho olu hlobo lomtshini apha eMzantsi Afrika.USekela Mphathiswa weSebe lezeMpilo uGqirha Sibongiseni Dlomo kunye noMphathiswa wezeMpilo kwiphondo leMpuma Kapa uNomakhosazana Meth bathe baphehlelela bekwanikezela lo matshini eMthatha bebonisa nendlela osebenza ngayo.
Ezi matshini zizakufumaneka kwiindawo zikawpnke-wonke ezifana namaziko emfundo ephakamileyo,kwiindawo apho kukho udederhu lweevenkile,kwa-SASSA nakwamanye amaziko karhulumente.Ngaphakathi kwezi matshini kuzakube kukho izicwangcisi ezinje ngeNordette,Triphasil,Microval,Ovral,Morning After Pills,Lubricants,Pregnancy Tests,Sanitary Towels kwakunye nekiti yokuzihlalo intsholongwane ye-HIV.
Isithethi selisebe uSizwe Kupelo uthe ezi matshini noxa ziza kuba sesidlangaleleni nalapho abantu bezinceda kodwa baqinisekile okokuba zikhuseleke kakhulu.
Imatshini yokukhupha iipilisi zokucwangcisa ezifakwe kwiindawo zikawonke-wonke lisebe lezeMpilo eMthatha.