Baphila ubomi bentshontsho abosapho lakwaNtuli eSigidini Esiphakathi kwidolophu yaseMaxesibeni (Mt.Ayliff) kwiphondo leMpuma Kapa.Oku kulandela ukuhlasela kwento okanye kwezinto abangaziboniyo nezithi zithethe kumntwana oneshumi elinanye leminyaka xa zizakuqala ukumosha kweli khaya. Abosapho bathi le nto iqale ngokumane ibeka amatye kwiibhedi,ezitulweni ngoku kulo nyaka iveze into entsha yokubetha nokutshisa,ibothule phezu kweebhedi belele,yoxuthe amacephe besitya.Apho kuhambo lo mntwana kuhlala kusitsha;ude wabalekiswa wasiwa ezihlobeni.Kuthiwa iyabhoka xa bekukhe kweziswa umthandazo ibaxelele ukuba ibatshisa ngomthandazo,nalapho egunye khona de yatshisa yonke into ebebenayo