Yintatheli yeKhwezi
Umhla wama-31 kuAgasti minyaka le ngumhla obekelwe bucala ukujongana namayeza esiNtu aseAfrika (African Medicine Day).Isebe lezeMpilo eMpuma Kapa libambe lo msitho kwindawo yaseDutywa libambisene namaXhwele namaGqirha.Injongo yale ndibaniselwano kukufundisa nokuqinisekisa ukuba akukho lungquzulwano phakathi kwezindidi zimbini zokunyanya,olwaseNtshona nonyango lweMveli.
IiNyangi zemveli zithi akonelanga ukumane kuhlanganwa zona zifuna uMphathiswa weNyangi zeMveli njengamazwe afana neIndiya neChina. “I-India kunye neChina zinoMphathiswa Wonyango lweMveli kwaye bayaphumelela.Urhulumente usarhuqa iinyawo,siyaqala ngalo Mphathiswa oyihoyayo into yeNyangi zeMveli.Sisacekiseka naseziKlinikhi.”
Inkolo yobuKrestu kunye neMfundo zona ziyasilwa ngamandla yenze kubenzima ukuba yiNyangi zeMveli ezikhululekileyo eMzantsi Afrika.Xa sinothathelwa ingqalelo ezinye iingxaki zingavimbeka eMzantsi Afrika ngoba siyakwazi ubona izinto zingekabonwa,kwaye amayeza wethu ayohlala ayasebenza,”kutsho uThulani Templeton Mcimeli nothethela iTraditional Health Practitioners.
UMcimeli ukwaveze nomcimbi wokudluliselwa kwabaguli ethi bona bayathumela kwisebe lezeMpilo xa bebona ukuba isigulane sidinga unyango lwaseNtshona kodwa nkqi kwisebe lezeMpilo ukuthumela kubo. “UThixo wenza indalo wenza imithi sikhula ngazo.Naxa kwenziwa amayeza ixesha elininzi kusetyenziswa ezi ngcambu sizisebenzisayo.Naxa beyofunda ukomba bafunda kolu lwazi sinalo.Ayidingi uba kuliwe le nto koko masisebenzisane ngoba iinjongo zethu kukuphila komntu.Yiloo nto ke sifundisana ukuba izinto sizenza njani,” kutsho uMphathiswa wesebe leZempilo uNomakhosazana Meth.
UMeth ukwacele ukuba iiNyangi zeMveli zilwe nomkhuba wabo bazibiza ngeeNyangi zeMveli kodwa babebesenza izinto ezifana nokusebenzisa amalungu abantu.