USihlalo weGanda-Ganda Residents Forum eSajonisi ,uJessie Willard ungqinile ukuba banelinye ithuba lokuncedisa abafundi bebakala likagrade 12,ukuba baphuculo iziphumo kwizifundo zezibalo.UWillard uthe ukuqinisekisa ukuba eli phulo liyaphumelela basebenze neTangible Africa neNelson Mandela University eGqeberha.
UWillard uthi baqwalasele iziphumo ezingezihle kwizibalo kunyaka ka-2022 no 2023 baze bathatha isigqibo sokuba baqeqeshe ootitshala abane basePort St.Johns,beqeqeshwa kwisifundo iDigital Literacy ukuba bancedisane nabafundi bebanga likagrade 12,ukuze kulo nyaka baphucule iziphumo kwesi sifundo esingumnqantsa kubafundi abaninzi. “Ukuza kuthi gaa ngoku zibini izikolo ezixhamla kule nkqubo.YiCaguba Senior Secondary School nePort St.Johns Senior Secondary School eziphantsi kwe-OR Tambo Coastal.Aba bafundi baza kuncediswa ngezixhobo ze-tablets ezinesifundo sezibalo ukuze baphucule iziphumo zabo,”kutsho uWillard.UWillard uthe izifundo zizakuqhutywa ngemiGqibelo.Ucacise ngelithi bakhethe ezi zikolo zibini ngenxa yeziphumo ezingazihlanga kwesi sifundo.
“Ingqwalasela izakunikwa izikolo ezisezilalini nangenxa yokungabinazimali asizukwazi ukuthatha izikolo ezininzi.Umzekelo kudingeka isithuthi esiyiveni ukuthutha abahlohli nezixhobo yabe ke asikemi kakuhle ngokwasezimalini.UWillard uthi baninzi abafundi abayeke phakathi kwizifundo zebakala ledyunivesithi kuba beneziphumo ezibi kwizifundo zezibalo. “ Abafundi abaninzi bafuna ukuba ziinjineli,ocwephetshe kwinzululwazi,nezifundo zeekhompyutha kodwa baphele beyeka phakathi ngokuswela izakhono ezidingekayo ukuze baphumelele,”uqwele ngelo uWillard.
(Ekhohlo) nguGqirha B.Peyana oyiCircuit Manager e-O.R Tambo Coastal.uJessie Willard okhokhele iphulo lokuphucula iziphumo kwisifundo sezibala kwibakala lika grade -12