Ukuxhuma kweziganeko zobundlobongela kwilali yaseRainy eLibode kudale isimbonono kubahlali balendawo.Le lali ijongene nolwaphulo mthetho oluquka ukubulala,ukudlwengula,ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana,ubusela bemfuyo nolwaluko olungekho mthethweni .
Kusuku lwangoLwesine kubanjwe imbizo ebikhwetywe ngamapolisa aseLibode ukuze kushukuxwe amaqhinga okulwa ulwaphulo mthetho. “Nize nje kuba kuzovotwa,kudala siwabiza amapolisa angezi.Sihlala nemizimba iiyure ezininzi engafiki amapolisa.Urhulumente ufuna nje iivoti zethu,”kutsho umhlali obelugcwabevu ngumsindo.Usibonda welali uZweloxolo Ruba uthi abophuli mthetho bakhuselwe ngabazali.Uqhuba athi bacela amapolisa ajikelezayo ukunqanda ulwaphulo mthetho oluntlobo-ntlobo kulelali.
Enye ingxaki yindlala nokungabikho kweziqinisekiso zokuzalwa kulutsha.Ngokutsho kwamapolisa kulelali yaseRainy kwisithuba esingaphantsi kweshumi elinesibini leenyanga kubulewe abantu abasibhozo,kwadlwengulwa abantu abane,kwebiwa imfuyo kwimizi esibhozo.
INkumanda yesikhululo samapolisa eLibode uLt.Col Mbena uthe :Asizanga kuzofuna iivoti apha,asipolitiki singamapolisa kodwa sizocela kuncediswane ukulwa ulwaphulo mthetho.”UMbena uthe bazothumela isithuthi samapolisa esizinze eNyandeni komkhulu ukuba simane sijikeleleza kulelali ukunqanda ulwaphulo mthetho.Abahlali bakhalazela indawo zentselo ezivula ubusuku bonke nemizi ethengisa iziyobisi besithi zinegalelo elibi kulelali.
Phakathi kwamasebe abekhona aquka elezeMpilo,eLophuhliso lweNtlalo,u-NPA,Community Safety,uMasipala waseNyandeni,kunye neenkampani eziquka u-SONGE Socila Change,iMoral Regenerartion Movement iMan for Change namanye.