Inkundla yamatyala yengingqi yaseLusikisiki imthe nka ngesigwebo sobomi eqamele ngenqindi eziseleni uNolufefe Jingwana (36) owathenga amadoda amabini uMasixole Darke (28) kunye noNtsikayomzi Mpetsheni (36) ukuba babulale unina uNomonde Jongwana (54).Ukugwetywa kwabo kulandela emva kokuba befunyenwe benetyala yinkundla yamatyala.
Ixhoba uNomonde Jongwana wafunyanwa ngomhla we-12 kwinyanga yeSilimela kunyaka wama-2019 enamanxeba aliqela okugwazwa kumzimba ongentla kwindlu awayehlala kuyo eBambisana eLusikisiki apho wayeseneza khona njengoMfundisintsapho.Ngokwengxelo yenkundla,uphando lwamapolisa lwakhokhelela ekubanjweni kwentombi yakhe kwilali yakwaFeni eNgqushwa kumgama ongaphezulu kwama-400 km kwindawo awayegetyengelwe kuyo unina.Ingxelo idize ukuba ngethuba ebanjwa wayesele enze amabango aliqela kwiinkampani ze-Inshorensi zikamama wakhe.
ULuxolo Tyali weGunyabantu loTshutshiso eMpuka Kapa uthi esi sithathu senza imvumo tyala sidandalazisa indima yaso kwesi siganeko sokubulala. “Savuma ukuba uNolufefe waqesha esi sibini ukuba sibulale unina wakhe.Wabanika imali eyi-R1500 yokukhwela ukusuka eNgqushwa ukuya eLusikisiki.Wachaza indlu eyayihlala unina nendlela abazongena ngayo kuyo bamgwaze njengoko ukumdubula kwakuzovakala kubamelwane,”kutsho uTyali.
Ingxelo yenkundla ibhence ukuba akufumana iindaba zokubhubha komama wakhe wazothusa wabhenela kumakhasi onxibelelwano ecela uncedo kufunyanwe ababulali.Ngethuba kuqhutywa ityala zange balivume kodwa ibambela Mtshutshisi uSiyabonga Macebo uthe waqamela ngobungqina nemvumo sono abazenza ngethuba bebanjwa ngamapolisa abajike babubhebhetha.Emva kokuqhutywa kwetyala kwelinye ityala (trail within trail) iingxelo zemvumo sono zamkelwa yinkundla.Umbuso wakwazi ukuveza ngokungathandabuzekiyo ubutyala babo kwesi siganeko bagwetyelwa ukwenza iyelenqe lokubulala.
Umqondisi wotshutshiso ephondweni uBarry Madolo uncome uMtshutshisi noMpandi weli tyala ngomsebenzi wokuqinisekisa ngokwenziwa kobulungisa.