Kudutyulwe kwabulawa ipolisa kwilali yaseMjamba,eMount Fletcher ngoMgqibelo.Esi siganeko siwashiye amapolisa ezizifu yimisindo.Ingxelo ithi eli polisa belihamba nogxa walo besenza iipatrol zabo zokuqinisekisa inzolo nocwangco ekuhlaleni.Bathe besajikeleza njalo,emini,kwathi gqi iveni eluhlobo lweCorsa ebithwele imigulukudu yamadoda amahlanu.Aba nqevu baye behla kwesi sithuthi sabo bathulula ngeembumbulu bengabhungisanga emapoliseni.Bachane ipolisa labhubha ngoko nangoko.Elinye ipolisa lisindiswe kukuzifisa.Balishiya besithi bawabulele omabini lamapolisa.
Emveni aba nqevu bahlanu baye bathatha izixhobo zamapolisa baze bangqala ngqo kwisikroxo sotywala esikufuphi kwakule lali yaseMjambo.Apho bafike baxhomisa baze baphanga umnikazi wale ndawo.Bathathe imali (engabalwanga ) kwakunye notywala.Baphume apho kweso sikroxo bexhakazela baze baxhomisa umqhubi we-Polo Vivo ebezigqithela.Bayithathe bayibetha yancinci leVivo ukubheka kwilali yaseNcome kude kufuphi naseMt.Frere.Bayishiye apho loo moto baze baphela emehlweni.
“Asinokwazi tu ukunyamezela abantu abawuqhela kakubi kangaka umthetho ingakumbi xa bebhekisa izenzo ezinje kumalungu esipolisa.Sicela wonke ubani ancedisane namapolisa ukuze kubanjwe abanqevu.Sikwathumela namazwi namazwi entuthuzelo kusapho logxa wethu,” kutsho uLuitenent Colonel uNomthetheli Mene.Nabani na onokuza nolwazi okanye okhe wathi nje ezi ndlavini zintlanu uyacelwa ukuba ahlebele amapolisa ku-086001011.