Ukubambisana kophando phakathi kweMbizana Serious Commercila Crime Investigation Unit kunye neNational Prosecution Authority kuqinisekise ukuba uyabanjwa avalelwe owayeyiNkumanda yesikhululo samapolisa saseQhasa ejamelene nesityholo sobusela.
UNomaIndia Mali (52) ubanjwe ngoLweihlanu weveki esisuka kuyo wavela enkundleni yamatyala kulandela isiganeko esenzeke ngomhla we-09 kwinyanga yoMsintsi ngomnyaka wama-2020 kanye ngethuba ilizwe ligutyungelwe ngubhubhane weKhoviti 19.Kuvakala ukuba uMali wayengumphathi wesikhululo samapolisa eQhasa ngethuba etyholwa ngokutyelela kwindawo ethengisa utywala eMakhazeni kwilali iMpetshwa eMbizana, apho wafika wazichaza njengeNkumanda yamapolisa.
Ingxelo ekhutshwe sisithethi samapolisa uLieutenant Colonel Avela Fumba idize ukuba lo mphathi sikhululo wamapolisa wabuza ngokufunyanwa kotywala kulendawo.Nangona ingcaciso yaveza ukuba obu tywala abuthengiswa kodwa bulungiselelwe iindwendwe kwindawo yokulala.Kutyholwa ukuba uMali wenza iinzame zokuthathwa kuthinjwe obu tywala ngamapolisa waphinda wayalela ukusuka kwesinye isithuthi sesibini kwisikhululo samapolisa saseQhasa esafika sagcwaliswa ngotywala.
ULieutenant Colonel Avela Fumba uqhube wathi kwindlela ebuyela kwisikhulo samapolisa eQhasa kutyholwa ukubaisithuthi sikaMali esasikhwelise obu tywala saphela emehlweni safika mva kwisikhululo samapolisa sesingenanto ebutywala.
Esi siganeko sachazwa kwiHawks ukuze kuqhutywe uphando.Emva kwalo kwakhutshwa uxwebhu lwesigunyaziso sokubanjwa kwakhe esilandela ukunqakulwa kwakhe esilandela ukunqakulwa kwakhe kwesi sikhulo samapolisa.
Uvele enkundleni yamatyala eFlagstaff ngoLwesihlanu waze wakhululwa ngesilumkiso.Ityala limiselwe umhla we-30 kuTshazimpuzi kulo nyaka umiyo.