Kudliwano-ndlebe noosomashishini baseMthatha Ikhwezi News ifumanise ukuba bakhala ngenkxaso engekhoyo yokuhlumisa amashishini abo.Ntoleyo ibenza bangathembi nawuphi umbutho wezopolitiko othembisa ngokuzisa impilo engcono.UMbongeni Mabaso ukhale ngokubanenkani kwenkokheli ze-ANC. “Inkani yeenkokheli nokungazi kuko okwabulalisa uChris Hani.Zezonkokheli ezadala ukuba kuvele imibutho eyi Cope,UDM,EFF neMK Party.Ingxaki enkulu ziinkokheli ezingawenziyo umsebenzi wazo.UMongameli Cyril Ramaphosa kwakuthiwe makabuyise umhlaba.Umhlaba usesezandleni zegcuntswana labamhlophe”.
UEzile Dyantyi ongumthengisi weziqhamo kwisitalato iYork Road uthi unesiqinisekiso kwi-early Childhood Development kodwa akafumani msebenzi. “Ndiyazenza izicelo zomsebenzi kodwa kunzima nokuba ndibizwe kwi-interview yomsebenzi.Andisenzthemba lokuab ndingaze ndiwufumane umsebenzi.UDyantyi uthi uqale ukuthengisa esitalatweni ngomnyaka wama-2012.Uthi akanathemba lokuba oosopolitiki bazakuzizalisekisa izithembiso abazenza kubavoti.
UAlfred deKlerk kudala evota kodwa akaboni mahluko kuba imisebenzi ayikho. “Ndihambisa amaphepha amaxhwele kuba ndidinga umsebenzi.Kona izithembiso kudala zisenziwa ndingaboni mohluko.Siyabavotela bakugqiba banyamalale.Ithiwani into enjalo?”kubuza ude Klerk .
UNolundi Mntengwane othengisa iinkukhu kwisitalato esimdaka saseBridge Street eMthatha uthi badinga indawo yokusithela. “Sihleli phandle kunetha kubanda umasipala akasihoyi.Le ndawo sisebenzela kuyo idame amanzi amdaka.Ukuvota kona akusincedisi nganto kodwa ndizakuvota,”kutsho uMntengwane.
UNomfezeko Mabandla uthunga iimpahla kwimarike yakwaNtozonke.Uthi iinkokheli zopolitiko ziza nezithembiso ezingafezekiswayo. “Thina siding inkxaso yokuhlumisa amashishini ethi,sixhaswe ngeematshini namalaphu.Umsebenzi wethu udotyalaliswa ngama-Ndiya athunga iimpahla azithengise ezitalatweni ngamaxabiso aphantsi,”ucacise ngelo uMabandla.UThe ngethuba uStella Ndabeni-Abrhams evula le marike wathembisa ngenkxaso ezakuvela kwa-SEDA. “Kunzima ukufumana naleyo nkxaso-mali.Imali iyakhutshwa yona kodwa ifikela kwizandla ezingalulanga kuba aside sibone mntu ufumana nkxaso.Oku kungqinwe ngeNcediwe Novukela othe bayavota kodwa ababoniswa nto.
Amanzi amdaka eBridge Street adla ingxaki kubathengisi beenkukhu eMthatha