Amapolisa aseCala ahlohla ngemibuzo abafana ababini
malunga nokubulawa ngokungena lusini kowasetyhini oneminyaka engamashumi
amabini anesibini ubudala kwilali iTsengiwe ngoLwesithathu weveki ephelileyo.
Kutyholwa ukuba
ngalomhla umalusi kwintaba iNdaba wafumana umzimba womntu wasetyhini unqunyulwe
intloko.Ngokutsho kwengxelo ixhoba yinzalelwane yaseUpper Ndawana kodwa
ubehlala kwizihlobo eTsengiwe.Ingxelo engekadizwa ngamapolisa idize ukuba phakathi
kwamadoda kukho nesithandwa sexhoba.
Isithethi
samapolisa uCol.Priscilla Naidu uthi ngeCawe kunqakulwe amadoda amabini ukuze
aphoswe ngemibuzo.Kwangolusuku lunye ngeCawa intloko yexhoba ifunyenwe kumgama
oyi- 3 km ukusuka apho kucholwe khona umzimba usisibhuku-bhuku.
Iimeko ezingqonge
ukubulawa kwexhoba ngokumasikizi ziphantsi kophando lwamapolisa,Umfi uchazwe
njengoUluntu Stuurman.