Yintatheli yeKhwezi
UXolile Nqatha onguMphathiswa wesebe leZokhuseleko Loluntu eMpuma Kapa uncame konke okwakhe ngoMvulo waya enkundleni ephakamileyo yaseMonti nalapho ebeyophula-phula ityala labarhanelwa abathathu abatyholwa ngokubulala ngokungenalusini amanina amabini.
Abarhanelwa abathathu abatyholwa ngokubulala uZoleka Gantana (57) kunye noKholosa Mpunge (27) ,bathe tshee kwinkundla kaMantyi ngoMvulo.Esi sithathu siyalelwe ibheyile.UGantana ebeqhuba ishishini eKidds Beach apho baye baxhwilwa baze bafumaneka sebeswelekile.
UNqatha uthethe nabahlali ababevutha ngumsindo ngaphandle kwamasango enkundla.Uluqwabele izandla uluntu obelungungelene ngaphandle kwenkundla ngokubambisana bengumphakathi bezokuthi kwezi zigila-mkhuba mazingayinikwa ibheyile,ukwabongoze abahlali ukuba bamanyane xakusenzeka iziganeko ezikumila kunje.
UNqatha ungqinile ukuba amapolisa azakuthi gqolo ukulifezekisa iphulo nogqatso lokulwa ubugebenga ephondweni leMpuma Kapa. “Ezi zigila-mkhuba zenze esi sihelegu maziyalelwe ibheyile,ndithi phantsi ngebheyile,”utshilo uNqatha.UMphathiswa engqinelana nabahlali abavutha uphinde wathi “ Masibuye isigwebo sentambo,masiphakamise olo luvo lwesigwebo sentambo ukuba umgaqo siseko uluqwalasele ulwaphulo mthetho,ndiyavumelana nani bahlali,”kutsho uNqatha.
Ukongeza uNqatha ungqinile ukuba ngomhla weshumi elinesibhozo kweyeThupha kulo umiyo xa ziphinda zivela ezi zigila-mkhuba naye uzokuba ekhona.Abarhanelwa bagcinwe eluvalelweni de kufike umhla wokuphulwa-phulwa kwisicelo sebheyile,umhla we18 August 2023.