Owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) ubudala obethathe isidumbu sosana lwakhe wasifaka kwisuthikheyisi wakhwela itekisi eMzamba ukuya kwisikhululo samapolisa eMbizana esikumgama we-30 yekhilomitha kulindeleke avele kwinkundla kaMantyi kungekudala.Ngokutsho kwamapolisa ixhoba lineminyaka emithathu qwaba ubudala kwaye kudizwa ukuba ufike wachaza ukubhubha komntwana wakhe kumagosa akwantsasana ngoMvulo weveki ephelileyo.
Kudizwe ukuba umrhanelwa ubefuna indoda shushu waze washiya le mveku yodwa.Othethela amapolisa ephondweni uWarrant Officer Majola Nkohli uthi ngokwengxelo abanayo bengamapolisa,umrhanelwa ushiye olusana lungenabani ekhayeni lakhe eMzamba ngeCawa.Amapolisa athi ngethuba yena esiya kuzonwabisa nesinqandamathe sakhe umntwana ebehleli yedwa.Ngethuba ebuya ngentseni yangoMvulo umntwana ufike selebanda kufuphi nomnyango.Endaweni yokufuna uncedo ngokukhawuleza okanye abize amapolisa uthathe umzimba womntwana wahamba nawo ukuya eMbizana apho abanjwe khona emva kokuchaza lo mhlola emapoliseni.Ujongene netyala lokubulala ngaphandle kwenjongo,ukushiya usana kunye nokuxaba phambi kwengalo yomthetho.